Xa kanye besisalindele ilixa lesibini lokuza kwenkosi yethu uYesu Kristu uThixo uye wathumela wena tata ukuthi uzokuba nguThixo wazo zonke iintlanga emhlabeni. Wena uwavumileyo amanxeba wawanyamezela wakugqiba wathi umanyano ngamandla noko bekukubi kubuhlungu kunjalo. Awuthanga kuba ubuhlukumezekile wathi malwande uhlukumezo koko usibonise enye indlela yokuphila. Akakho ke oyakuphinda afane nawe. Akwaba xa ungcwatywa ungangcwatywa umke nezi zinto zilandelayo zingcwatywe nawe khonukuze zingabi sayi kuphinda zibe khona kuba asizonto enanizilwelwa xa nanisilwela inkululeko naxa wawukhululwa eluvalelweni wawungakhululelwa ukuba mazibe yinxalenye yobomi bethu kodwa akubanganjalo kuba abantu baphila enyameni: 1. Urhwaphilizo (Corruption) 2. ukuqashana kwabazalanayo emisebenzini (Nepotism) 3. Ukuhlukunyezwa kwamalungelo wabasebenzi ngabo basemagunyeni ngakumbi abafazi emisebenzini (Violation of human rights in the work place "particularly women") 4. Ukuthengwa kwengqesho (Bribary) 5. Ucalu-calulo ngabo basakholelwa kulawulo lwangaphambili (Discrimination by certain people who still believe in the apartheid) Lastly: uThixo awamkele ngezandla ezinobubele umphefumlo wakho, balapho ootat'u Oom-Ray, Oom-Gov, OR, Walter, Chris Hani nabanye nabo bakulindile bayakubona usiza umanxeba-nxeba nabo mabakwamkele. Aah!! Dalibhunga. May your Soul Rest in Peace tata wesizwe. Sindie Nobaza